DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuphela kwexesha

  • Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
  • Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
  • Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala. Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
  • Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
    Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!
  • Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.
  • Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
  • Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.
  • Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
  • Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
  • Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.” Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya.
  • Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.
  • Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.
  • Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.
  • Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.
  • Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.
  • Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.
  • UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.”
  • Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.
  • Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela