Iivesi zeBhayibhile malunga nokuphela kwexesha
- Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku loo Mini ayinako ukufika lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho, umfo okhohlakeleyo ochasana noThixo, omiselwe intshabalalo, avele elubala. Ulolona tshaba kaloku. Yena uya kuziphakamisa achase nantoni na ekuthiwa nguthixo, achase nantoni na enqulwa ngabantu, ade athathe isihlalo endlwini kaThixo, ezigwagwisa ngokuthi unguThixo ngenkqu.
- Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.
- Kaloku babetshilo ukuthi: “Ngemihla yokugqibela kuya kuvela abantu abalunyelisayo unqulo, bekhukuliswa yiminqweno yabo egwenxa.” Aba bantu badala iyantlukwano. Kaloku bona balawulwa yiminqweno yemvelo; abanalo ifuthe likaMoya.
- Ewe, ndiyeza kamsinya! Ulowo nalowo ndiya kumphathela ibhaso ngokwemisebenzi yakhe!
- Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.
- Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.
- Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.
- Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.
- Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.
- Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
- UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.”
- Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu! - Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.
- Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
- Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.
- Ukuba ke kuthiwa kuni: ‘Nankuya entlango,’ ze ningayi; nokuba kuthiwa: ‘Nankuya endlwini,’ ze ningakwamkeli oko; kuba ukufika koNyana woLuntu kuya kuba njengombane omenyezela empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga.
- Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.
- Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
- Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuza kwesibini
Nani ke ngoko hlalani...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Umonde
Umntu onomonde uba nengqiqo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...