Iivesi zeBhayibhile malunga nokhuseleko
- Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.
- InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,
inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani? - Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” - UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile. - Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili. - Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo. - Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye. - Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;
yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa. - Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. - Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,
kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale. - Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe. - Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa. - Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
- UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho. - Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
- Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu. - Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala.
- UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde. - Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva. - NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;
nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo. - Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. - Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.
- Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
- Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
UMtyholi
Hlalani nithe qwa, nilumke!...
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.