Iivesi zeBhayibhile malunga nokuxoka
- UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo. - Nanjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.” - Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule
kumaxoki nakubakhohlisi.” - Ngulowo uhambo ingenabala,
owenza ubulungisa,
ayithethe inyaniso engafihlisi.
Ngulowo unganyelisiyo,
ungamenziyo into embi uwabo,
ungamhlebiyo ummelwana wakhe. - Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki. - Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”
- Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.
- Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.
- Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha. - Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa. - Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,
kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi. - Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo. - Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.
- Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
- Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla. - Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.
- Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa. - UPetros wabuza wathi: “Hananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho? Umhlaba wakho ubungowakho phambi kokuba uwuthengise, nemali yawo ibiyeyakho emveni kokuba uwuthengisile. Kungani ke ukuba ufike kwisigqibo sokwenza into enje? Awuxokisanga mntu, uxokise uThixo.”
- Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya. - Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,
nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho. - Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;
amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu. - Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo. - UThixo yena akamntu;
akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.
Akakufezekisi na akuthembisileyo?
Akakuphumelelisi na akuthethileyo? - Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo. - Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta, nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Ukuhleba
Umntu onobugwenxa udala ingxabano...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...