Iivesi zeBhayibhile malunga nokuhleba
- Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo. - Ngulowo uhambo ingenabala,
owenza ubulungisa,
ayithethe inyaniso engafihlisi.
Ngulowo unganyelisiyo,
ungamenziyo into embi uwabo,
ungamhlebiyo ummelwana wakhe. - Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo. - Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.
- Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi. - Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha. - Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.
- Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki. - Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya. - Amazwi entlebendwane ayanambitheka;
ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...
Ubuhlobo
Umhlobo unothando ngamaxesha onke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.Ivesi elandelayo!
