Iivesi zeBhayibhile malunga nokuhleba
- Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
 umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.
- Ngulowo uhambo ingenabala,
 owenza ubulungisa,
 ayithethe inyaniso engafihlisi.
 Ngulowo unganyelisiyo,
 ungamenziyo into embi uwabo,
 ungamhlebiyo ummelwana wakhe.
- Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
 kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.
- Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.
- Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
 ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.
- Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;
 ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.
- Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.
- Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Makazilumle ekuthetheni kakubi,
 ayeke ukuthetha ubuxoki.
- Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
 ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.
- Amazwi entlebendwane ayanambitheka;
 ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...
Ubuhlobo
Umhlobo unothando ngamaxesha onke...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
