Iivesi zeBhayibhile malunga noluntu
- Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
- Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
- Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano! - Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.
- Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
- Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.
- Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.
- Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.
- Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
- Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.
- Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.
- Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.
- Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.
- Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
- KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.
- Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.
- Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.
- Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.
- Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.
- Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.
- Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
- UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.
- Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.
- Bahlonele abahlolokazi; ndithetha abahlolokazi ngenene.
- Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?
Izihloko ezinxulumeneyo
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Ukuxhomekeka
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...