Iivesi zeBhayibhile malunga nebukhoboka
- UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
- Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.”
- UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.
- Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo, zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.
- Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.
- Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.
- Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;
nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo. - Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
- Naku okona kuzila ndikufunayo:
Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;
niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,
bakhululwe bonke abacinezelwa,
niyaphule idyokhwe yengcinezelo. - Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.
- Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.
- Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
- UMoya weNkosi undongamele,
ngoko ke indithambisile;
indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.
Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,
nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,
ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo. - KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.
- Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka. - Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye.
- Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
- Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta, nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Inkululeko
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ukuba likhoboka
Ubani unokuthi: “Zonke izinto...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UMhlawuleli
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;kaloku akozeli, walusa mna.Ivesi elandelayo!