Iivesi zeBhayibhile malunga nokukhonza
- Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.
- Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.
- Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.
- UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”
- Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
- NguNdikhoyo uThixo wenu emanimlandele, nimhlonele. Mthobeleni, niyenze imiyalelo yakhe; futhi mkhonzeni, nibambelele kuye.
- Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.
Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo. - Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.
- Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.
- Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
- Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
- NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye. - Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.
- Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.
- Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
- Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.
- Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’
- Kodwa uNdikhoyo nize nimthobele nimkhonze ninyanisekile ngomxhelo uphela. Kaloku nizibonile ukuba zinkulu kwazo izinto anenzele zona.
- Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
- Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.
- UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa. - Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
- Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
- Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ukulandela
Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke...
Umbingelelo
Olona thando lukhulu umntu...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.Ivesi elandelayo!