Iivesi zeBhayibhile malunga nomsebenzi
- Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.
- Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho. - Wonke umsebenzi wenzeni ngothando.
- Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.
- Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka. - Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi. - Nantoni na ke eniyenzayo, nokuba niyathetha, nokuba niyenza, yenzeleni egameni leNkosi uYesu, nibulela uThixo uYise ngayo.
- Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila, kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.
- Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda. - Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.
- Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu. - Ngoko ke zilumkeleni, hleze niphulukane nayo into ebeniyisebenzela. Zabalazani, khon' ukuze nilifumane linjengoko linjalo ibhaso lenu.
- Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.
- Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.
- Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
- Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.
- Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?
- Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe.
- Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.
- Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.
- Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.
- Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
- Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.
- Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla. Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe.
- Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo, zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukwamkela
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukukhonza
Ngoko ke, mawethu athandekayo...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.