DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokunyuka

  • Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.
  • UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, wanyuswa wasiwa ezulwini.
  • Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
  • Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.
  • Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.
  • Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.
  • Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
    Wavela ngesimo sobuntu
    waza wangqinelwa nguMoya,
    wabonwa zizithunywa zezulu.
    Washunyayelwa ezizweni,
    wamkelwa lihlabathi,
    waza wawongwa ezulwini.
  • Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”
  • Ngaba nothini na nakumbona uNyana woLuntu enyukela apho wayevela khona?
  • Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo.”
  • Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.
  • Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela