Iivesi zeBhayibhile malunga nePentekoste
- Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.
- Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
- Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
- Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.
- Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
- Ndithe ke ndakushumayela wehla kwangoko uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, njengoko wehlayo nakuthi kuqala.
- Ade uThixo asithululele uMoya wakhe,
nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,
imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi. - Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.
- Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”
- Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
- Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
Izihloko ezinxulumeneyo
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Umthuthuzeli
Makabongwe uThixo, uyise weNkosi...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa.
