Iivesi zeBhayibhile malunga nokufuna
- Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.
- Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
- Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha. - Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo. - Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.
- Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho. - Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam. - Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo. - Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;
bhenelani kuye ngoku asekufutshane. - Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha. - UNdikhoyo uthi:
“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
Ndandisithi bokhala kum;
kwathi kanti bona abakhw' apho.
Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.” - Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:
“Quqelani kum, niphile.” - Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.
- Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli. - Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke. - Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo. - Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
khon' ukuze niphile,
naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
njengoko nizingca ngaloo nto. - Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.
- Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;
ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo. - Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.
- Bukwanjalo ukuyola kobulumko:
ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa. - Mna ndiya kuxhamla inkululeko,
kuba ndihamba ngemimiselo yakho. - Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
nditsho wena Thixo ophilayo.
Yaz'ba koda kube nini na
ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukusondela
Niyabona, uNdikhoyo uba nani...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.