Iivesi zeBhayibhile malunga nokusondela
- Niyabona, uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.
- Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha. - Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,
awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,
ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba. - Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.
- Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.
- Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,
ndaye ndifuna yona kanye:
le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,
ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe. - Wena undazisa iindlela zobomi;
kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade. - Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.
- Siyazi ukuba sihlala simanyene naye, naye uhlala emanyene nathi, kuba usinike isabelo soMoya wakhe.
- Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;
bhenelani kuye ngoku asekufutshane. - Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfuneni aph' akhoyo ngawo onke amaxesha. - Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.
- Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.
- Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam. - Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,
ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.
Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo
ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho. - Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
- Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba. - Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.
- Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’
- Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.
- Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye.
- Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!
- Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
nditsho wena Thixo ophilayo.
Yaz'ba koda kube nini na
ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Uxolo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...