DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga negazi

  • Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.
  • Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.
  • Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.
  • Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
  • Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.
  • UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
  • Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye.
  • Ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo.
  • Ewe, uNdikhoyo uthi:
    “Yizani, khe sithetha-thethane.
    Noba sewudyobheke wankone sisono,
    mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
    kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
    mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.”
  • Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.”
  • Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku. Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi.
  • Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye, ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo, mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.
  • Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.”
  • Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela