DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nesiselo somdiliya

  • Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
  • Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.
  • Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.”
  • Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
    umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
    nokuba awungevelisi nto umnquma,
    namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
    zingade zingabikho iigusha esibayeni,
    nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
    ewe, khona kungade kube njalo,
    kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
    ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
  • Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
    Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
  • Ndandingatyi kutya kodidi, nditsho nenyama nawayini zange ndizifake emlonyeni wam, yaye zange ndithambise nokuthambisa kwada kwadlula ezo veki zintathu.
  • Umdiliya usuke woma khwahla;
    kanti wona umkhiwane uswamile.
    Oomirharnati, isundu, nom-apile,
    suka yabharha yonk' imithi.
    Nasebantwini imivuyo iphelile.
  • Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela