DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nePasika

  • Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”
  • Akakho apha, uvukile. Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, esithi: ‘UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’
  • Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni!
  • Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.”
  • Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”
  • Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”
    Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
  • Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.
  • Niyabona, siya eJerusalem, apho uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.
  • Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”
  • Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
  • Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!
    Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!
    Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;
    siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.
  • Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.
  • Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.”
  • Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. Kaloku babengaliqondi ilizwi leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.
  • Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
    Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
    Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
    ethobekile, ekhwele idonki,
    nditsho ithole, inkonyane yedonki.
  • UYesu wathi: “Bawo, baxolele, kuba abayazi into abayenzayo.”
    Baza benza amaqashiso, besabelana ngeengubo zakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
ewe, makudunyiswe igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela