Iivesi zeBhayibhile malunga nokuzalwa ngokutsha
- Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.
- UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”
- Kaloku nizelwe ngelizwi likaThixo ophilayo, ongunaphakade, naba ngabantwana balowo ungasoze afe.
- Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.
- Makabongwe uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Krestu, othe ngenceba wasinika ubomi obutsha ngokuvusa uYesu Krestu ekufeni!
- Yaye ndiqinisekile ngale ndawo yokuba lo msebenzi mhle awuqalileyo uThixo kuni, uya kude awuqabelise ngeMini kaKrestu uYesu.
- Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
- Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.
- Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.”
- Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo.
- Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ubhaptizo
Lukholo ke olunenze nangoonyana...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!
