DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokukhathazeka

  • Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
  • Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
    ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
    Ndiza kukomeleza ndikusize,
    amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.
  • Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.
  • Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
  • Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.
  • Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
    wandithuthuzela, wandonwabisa wena.
  • Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.
  • Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.
  • Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
    ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.
  • Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,
    uyaziva zonke iincwina zam.
  • Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.
  • Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
    kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo.
  • Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.
  • Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,
    ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
    Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.
  • Xa banibambayo banise ezinkundleni, musani ukuyixhalela into eniya kuyithetha, kodwa thethani oko nithe nakunikwa ngelo xesha, kuba asinini abathethayo, nguMoya oyiNgcwele.
  • Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.
  • Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
  • Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
    “Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
    NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
    Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”
  • Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!
  • Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
    ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.
  • Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela