Iivesi zeBhayibhile malunga novuyo
- Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
- UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela. - Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!
- Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
- Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena. - Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;
masizonwabise sibe nemihlali ngayo. - Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo. - Wena undazisa iindlela zobomi;
kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade. - Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso. - Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.
- Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.
- Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.
- Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.
- Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!
Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene. - Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili. - Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.
- Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
- Khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.
- Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni. - Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni. - Ndomemelela ngemincili,
ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke. - Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.
- Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;
abazithobayo ubathi jize ngoloyiso! - Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Usizi
Uyaweva amalungisa akuzibika kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,
khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.