- Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.
- Ngamathuba obumnandi yonwaba;
ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.
Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva. - Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila, kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso.
- Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi. - Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.
- Unebhongo umzali womntwana olilungisa;
ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe. - Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.
- Ke uNehemiya wathi kubo: “Hambani niyokutya izimuncu-muncu, ukutya okumnandi neziselo, nide niphe nâbo bangenakutya. Le yimini ekhethekileyo yeNkosi yethu. Ngayo musani ukuba lusizi; kaloku uNdikhoyo uza kunomeleza ngovuyo lwakhe.”
- Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.
- Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
- Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”
- Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.”
- Mfo wam, ndingonwaba kakhulu
xa ingqondo yakho idlamkile. - Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela. - Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.
- Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
- Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;
kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo. - Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho,
ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo,
ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.” - Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.
- Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni. - Ngokunjalo ndithi kuni kuya kubakho uvuyo kwizithunywa zikaThixo ngomoni omnye oguqukayo.
- Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.
- Umdiliya usuke woma khwahla;
kanti wona umkhiwane uswamile.
Oomirharnati, isundu, nom-apile,
suka yabharha yonk' imithi.
Nasebantwini imivuyo iphelile. - Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Usizi
Uyaweva amalungisa akuzibika kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.