DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noKrisimesi

  • Úya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
  • Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.
  • Makadunyiswe uThixo kweliphezulu,
    kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.
  • Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
    kaloku thina silizwe ngonyana.
    Nguye ke oya kulawula.
    Ke yena wothiywa igama kuthiwe
    nguMcebisi omangalisayo,
    uThixo oligorha,
    uSonini-nanini,
    iTshawe loxolo.
  • Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.”
  • Kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.
  • Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa ngumshumayeli, esithi: “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
  • Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
  • Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.
  • Amasiko eentlanga angamampunge nje.
    Bagawula umthi ehlathini,
    ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
    uhonjiswe ngesiliva nangegolide,
    ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
    Oothixo abanjalo bafana nonomgogwana
    oxhonywe entsimini yentyabontyi:
    abakwazi kuthetha,
    bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.
    Musani ukuboyika:
    akukho nto imbi banganenza yona,
    kungekho nanto banokunceda ngayo.
  • UJosefu ke waphuma kwelaseGalili, kwidolophu iNazarete, waya kwelakwaJuda, kwidolophu kaDavide eyiBhetelehem, kuba wayengowomlibo kaDavide. Wayesiya kubhalisa, enoMariya owayesendela kuye. Yena wayeselekhulelwe.
  • Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo.”
  • Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.”
  • Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.”
  • Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga, zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.”
  • Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
    udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
    kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
    lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
    omveli yakhe isukela kwamandulo,
    kwimihla yasephakadeni.
  • Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela