DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga noMesiya

  • Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
    Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”
  • Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
    kaloku thina silizwe ngonyana.
    Nguye ke oya kulawula.
    Ke yena wothiywa igama kuthiwe
    nguMcebisi omangalisayo,
    uThixo oligorha,
    uSonini-nanini,
    iTshawe loxolo.
  • Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.
  • Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.
  • Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.
  • Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis, le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.
  • Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela