Iivesi zeBhayibhile malunga noMesiya
- Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.” - Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo. - Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.
- Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.
- Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.
- Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis, le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.
- Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Krisimesi
Úya kuzala unyana, ùmthiye...
UMsindisi
Lunje ke olu thando...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Uvuko
Waza wathi kuye uYesu...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyokunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.
