Iivesi zeBhayibhile malunga nokufunda
- Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge. - Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
- Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
- Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho. - Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;
ndifundise iindlela zakho. - Maluhlale ngokupheleleyo ezintliziyweni zenu udaba lukaKrestu. Fundisanani, niyalane ngobulali. Culani iindumiso, nihlabele amaculo, nivuma iingoma zoMoya, nibulela uThixo ngentliziyo.
- Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
ungasicekisi isiluleko sakhe.
Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye. - Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala. - Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo. - Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke. - Wena unguThixo wam,
ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi! - Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.
- UNdikhoyo unobubele, ulungile.
Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
abafundise indlela yakhe abalulamileyo. - Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.
- Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.
- Waza uYesu wawaphendula wathi: “Le mfundiso ndiyifundisayo asiyoyam, koko ivela kulowo undithumileyo.”
- Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.
- Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.
- Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,
itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani. - Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;
kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
Xa ulohlwaya ihlabathi
abemi balo bafunda ngobulungisa. - Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe.
- Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
- Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.
- Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Inyaniso
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...