DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nokuthobeka

  • Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.
  • Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
  • Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
    kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
  • Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.
  • Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
  • Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.
  • Ikratshi liyamwisa umntu;
    kambe ke othobekileyo uba nesidima.
  • Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.
  • Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
    uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
  • Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
  • Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
  • Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.
  • Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.
  • Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
    ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.
  • UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”
  • Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.
  • Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.
  • Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
    nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
    kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
    uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.
  • Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
    indlela eya ewongeni yintobeko.
  • Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Makabaluleke yena, ndinciphe mna.
  • UNdikhoyo unobubele, ulungile.
    Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
    Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
    abafundise indlela yakhe abalulamileyo.
  • Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.
    Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala.
  • Wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”
  • Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.

Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
Funda ngokugqithisileyo...