DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ukuthobeka (2/2)

  • Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
  • Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;
    abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!
  • Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
  • Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
    ewe, makudunyiswe igama lakho,
    ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
  • Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.
  • Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
    Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
    Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
    Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?
  • Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
    ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa.
  • Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
  • Yizani siqubude simnqule,
    siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.
  • Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.
  • Kuba iziBhalo zithi:
    “Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
    zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
  • Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.
  • Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
  • Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.
  • Ngubani yena umntu, le nto umkhumbulelayo,
    engubani yena unyana womntu, le nto umkhathalelayo?
  • Thandazani ke ngoko nina nithi:
    “ ‘Bawo wethu osezulwini:
    Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
    malongame ulawulo lwakho,
    makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’
  • Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
    ndive, ndakuzibika kuwe.
    Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
    kuba ndiselugcinweni lwakho,
    nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.
  • Vuya ngenene, ntombindini inguZiyon!
    Danduluka, wena ntombi inguJerusalem!
    Khangela, ukumkani wakho uza kuwe enobulungisa, engumoyisi,
    ethobekile, ekhwele idonki,
    nditsho ithole, inkonyane yedonki.
  • Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
  • Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,
    nina benza umyalelo wakhe.
    Zingelan' ubulungisa nentobeko,
    mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela