Iivesi zeBhayibhile malunga noSomandla
- Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele. - Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.
- “Ndim isiqalo nesiphelo,” itsho iNkosi uThixo, uSomandla, uNdikhoyo, owayekho, lowo uya kusoloko ekho.
- Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.
- Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,
uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.” - Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!
- Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki. - Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise! - Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;
wena ungumlawuli weento zonke.
Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.
Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla. - Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.
- Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.
- LelikaNdikhoyo ihlabathi liphela, nako konk' okukulo;
ndixel' ilizwe elimiweyo kunye nabemi balo. - Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.
- Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.
- Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;
nezisemnyameni izinto yena uyazazi.
Ngenene yena ulikhaya lokukhanya. - Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.
- Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha. - Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa. - Ndiya kuzithamsanqelisa kunye nako konke okujikeleze induli yam. Ndiya kunisa imvula ngexesha layo; kuya kuna iimvula zentsikelelo.
- Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.
- UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, ungayenza into oyenzayo kwinto yonke anayo, kodwa uze ungakhe ulinge umchukumise yena siqu.” USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Imimangaliso
Ondele kubo, uYesu wathi...