Iivesi zeBhayibhile malunga nokuqonda
- Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.
- Njengoko ungayazi indlela yomoya,
ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,
kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke. - Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge. - Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!
Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako. - Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,
utsho uNdikhoyo,
ndikufundise, ndikujonge. - Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu. - Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.
- Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.
- Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,
kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo. - Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.
- Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda. - Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
- Njengokuphakama kwezulu emhlabeni
ziphakamile neendlela zam kunezenu,
kanti ke zikwanjalo neengcinga zam. - Kanti ngaba awazi na?
Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki. - Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.
- Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! Amen.
- Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe!
Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo?
Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?”
Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”? - Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!
- Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda. - Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!
Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam! - Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.
- Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku. - UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”
- Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.
- UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Iingcamango
Ndibhenela kuwe, Thixo wam...