- Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo. - UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”
- Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini. - Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli. - Ngenene uNdikhoyo yingangalala, ufanele ukudunyiswa;
obakhe ubukhulu abuphengululeki. - Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile wasinika ukuqonda, ukuze simazi uThixo onguye ngenene. Thina simanywe nalowo unguThixo ngenene, kuba kaloku simanywe noNyana wakhe uYesu Krestu. Yena ke unguThixo ngenene; nguye obona bomi bungenasiphelo.
- Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe.
- UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo.
- Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.
- Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.
- Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;
oqaphelayo uya kukwazi oku.
Iindlela zikaNdikhoyo zithe ngqo.
Ke amalungisa ahamba ngazo;
ke bona abakreqi ziyabakhubekisa. - Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala. - Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
- Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha. - Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.
- UThixo wethu usemazulwini;
yena wenza loo nto ayithandayo. - Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa. Kaloku babengaliqondi ilizwi leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Iingcamango
Ndibhenela kuwe, Thixo wam...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.