Iivesi zeBhayibhile malunga nobulungisa
- Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo. - Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
- Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.
- Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa. - Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.
- Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu. - Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.
- Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke. - Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo. - Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini. - Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.
- Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.
- Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
- Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.
- Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.
- Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho. - Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
- Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.
- Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,
ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo. - Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni. - Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!
- Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo. - Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!
- Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe. - Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Umgwebo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo...