Iivesi zeBhayibhile ezithetha ngokuthembeka
- Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,
kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe. - Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.
- Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.
- Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini. - Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo.
- Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.
- Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo. - Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade. - Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. - Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.
- Ngamana yanithundeza iNkosi, nimthande uThixo, nibe nenyameko efuze ekaKrestu.
- Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.
- UNdikhoyo ulilungisa ngeendlela zonke,
unobubele kuko konke akwenzayo. - Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye. - Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;
uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe
nabathobela imithetho yakhe. - Hayi bo! Mayingabi sithi, Ndikhoyo;
ewe, makudunyiswe igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho! - Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
- UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho. - Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso. - Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe. - Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule. - Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa. - Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;
kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Izithembiso
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.