DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nomtshato

  • Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;
    ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.
  • Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’? Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
  • Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.
    Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala.
  • Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.
  • Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!
    Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!
  • Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.
  • Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
    kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
  • Kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.
  • Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”
  • Indoda esandula ukuthath' umfazi mayingaphumi nomkhosi. Nakuwo nawuphi na umsebenzi onjalo mayikhululeke ixesha elingangonyaka, khon' ukuze ihlale ekhaya yonwabe nomkayo.
  • UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo.
    Ithe ke indoda: “Nanku ke oyena-yena! Lithambo lamathambo am, nenyama yeenyama zam. Kuya kuthiwa ngumfazi, kuba uthathwe kumfo.” Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.
  • Awumhle ngako, sithandwa sam!
    Umhle ngenene, awunasiphako!
  • Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kanye ngale ndlela niyithobela ngayo iNkosi. Kaloku indoda iyintloko yomfazi, kanye njengokuba noKrestu eyintloko yebandla. Ke yena uKrestu ukwanguMhlanguli walo ibandla elingumzimba wakhe.
  • Indoda mayimkholise umfazi wayo; nomfazi makenjenjalo endodeni yakhe. Umfazi akanagunya kowakhe umzimba; yindoda enalo. Kwangokunjalo ke nendoda ayinagunya kowayo umzimba; ngumfazi onalo.
  • Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
  • Kunjengoko neziBhalo zisitsho ukuthi: “Ngoko ke indoda iya kumshiya uyise nonina, imanywe nomfazi wayo, baze abo babini badibane babe banye.”
  • Ngoko ke amadoda afanele ukuba nebhongo lokubathanda abafazi bawo, kanye ngale ndlela azithanda ngayo iziqu zawo. Indoda emthandayo umfazi wayo iyazithanda.
  • Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
  • Kambe ke ikwasingisele nakuni. Ngoko ke yonke indoda mayimthande umfazi wayo, kanye ngale ndlela izithanda ngayo nayo. Ngokukwanjalo ke wonke umfazi makayihlonele indoda yakhe.
  • Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.
  • Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;
    umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.
    Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,
    ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,
    ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,
    ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.
  • Kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa ‘uThixo wabenza bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane.’ Ngako oko ke àbasebabini; banye. Abo ke ngoko uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela