Iivesi zeBhayibhile malunga nokugula
- Xa umntu egula, makabize amadoda amakhulu ebandla; wona aya kumthandazela, amthambise ngeoyile egameni leNkosi. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.
- Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.
- Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.
- Umnyangi wabantliziyo zenzakeleyo,
ewe, umbophi wamanxeba abo. - Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;
kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni. - Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo. - Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.
- Philisani abagulayo, nivuse abafileyo, nihlambulule abaneqhenqa, nikhuphe iindimoni. Namkelé ngesisa, ke ngoko yiphani ngesisa.
- Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
Kaloku nguwe udumo lwam. - Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.
- Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’
- Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi. - Ndithi ndakungasivumi isono sam,
amandla atsho andiphelele,
ngenxa yesingqala endiba naso imini yonke. - UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
umphakamisi wâbo bawileyo.
UNdikhoyo ngumathand' amalungisa. - Abantu basidelile basibukula,
saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.
Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;
saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela. - Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuphilisa
Wathi kuye uYesu: “Oo...
Impilo
Ukuba ke uthe wanqula...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’Ivesi elandelayo!