DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:10-11

Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:10-11 - XHO96

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela