- Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.
- Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.
- Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
- Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Ukunyuka
Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa...
Ukuvangela
Thina kaloku sanikwa lo...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.Ivesi elandelayo!
