- Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.
- Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.
- Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.
- Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
- Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”
- Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.
- Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
- Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
IPentekoste
Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
uMoya oyiNgcwele
INkosi le ke nguMoya...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.