- Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe! - UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu. - Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.
- Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.
- Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu. - NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;
ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.
Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,
ndimbonge ngengoma. - Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.
- Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe. - Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;
kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo. - Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo. Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.
- Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
- Ndikhusele kaloku, Thixo;
ndithembele ngawe. - Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.
- Kodwa ndithembe uthando lwakho olungajikiyo;
ndochulumacha kuba uyandihlangula.
Ndombonga uNdikhoyo, kuba endiphethe ngobubele. - Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. - Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo.”
- Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe. - NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye. - Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
- “Ewe, iintaba zingadilika,
ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo. - Othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.
- Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe. - Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyo
lo gama ndisadla amazimba. - Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.
- Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.