- Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.
- Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.”
- Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;
thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu. - Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.
- Kodwa ke iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
- Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,njengoko kaloku sithembele kuwe.
