DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Thembela (3/3)

  • Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.
  • Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.”
  • Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.
  • Kodwa ke iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
  • Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.
  • Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;
    thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngulowo uhambo ingenabala,
owenza ubulungisa,
ayithethe inyaniso engafihlisi.
Ngulowo unganyelisiyo,
ungamenziyo into embi uwabo,
ungamhlebiyo ummelwana wakhe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela