Iivesi zeBhayibhile malunga noxolelwaniso
- Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.
- Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.
- Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.
- Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.
- Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.
- Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi!
- Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.
- Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.
- Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho. - Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.
- Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
UMsindisi
Lunje ke olu thando...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Uxolo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...