- Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!
- Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano! - Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
- Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade. - Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
- Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
- Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade. - Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
- Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.
- Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo. - Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam. - Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.
- Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi. - Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo. - Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.
- Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla. - Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.
- Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
- Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
- Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.
- Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.
- Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.
- Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.
- Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge uNdikhoyo!
Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”
Isishwankathelo se endinyana ezili - 100 zeBhayibhile ezidumileyo kwiDailyVerses.net.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.Ivesi elandelayo!
