DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UJEREMIYA 10:3-5

Amasiko eentlanga angamampunge nje.
Bagawula umthi ehlathini,
ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
uhonjiswe ngesiliva nangegolide,
ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
Oothixo abanjalo bafana nonomgogwana
oxhonywe entsimini yentyabontyi:
abakwazi kuthetha,
bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.
Musani ukuboyika:
akukho nto imbi banganenza yona,
kungekho nanto banokunceda ngayo.
UJEREMIYA 10:3-5 - XHO96

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela