Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. Amen. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.

Izihloko ezinxulumeneyo
Izithixo
Bantwana bam, zilumkeleni izithixo!...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...
Iminqweno
Nantsi ke into endithetha...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.Ivesi elandelayo!