- Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
- Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
- Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
- Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.
- Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.
- Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
- Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
- Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
- Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
- Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndikhoyo, wena unguThixo wam;ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.Ivesi elandelayo!
