- Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo.
- Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
- Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
- Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
- Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
- Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.
- Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.
- Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
- Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
- Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
- Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
- Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
- Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”
- Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Iingcamango
Ndibhenela kuwe, Thixo wam...
Uluntu
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ukuxhomekeka
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.