- Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.
- Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo.
- Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.
- Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.
- Imiyalelo ethi: “Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, uze unganqweneli,” nokuba nguwuphi umyalelo ongomnye, ushwankathelwa ngelithi: “Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
- Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.
- INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ityala
Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi, ke...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!