- Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.
- Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.
- Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.
- Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
- Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.
- Kuba iziBhalo zithi:
 “Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
 zimdumise uThixo zonke iilwimi.”
- Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umgwebo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Uluntu
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
Izixhobo
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
