- Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.
- Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.
- Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.
- Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
- Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
- Khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuthazo
NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Uluntu
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!
