- Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.
- Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.
- Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.
- Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.
- Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
- Khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuthazo
NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Uluntu
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.Ivesi elandelayo!
