- Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
- Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.
- Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.
- Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.
- Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.
- Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.
- UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.
- UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.
- Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.
- Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.
- Kodwa ke into esingayiboniyo, esithembe ukuyifumana, siyilindela ngomonde.
- Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.
- Ke uThixo oziphengululayo iintliziyo uyazazi iingcamango zoMoya, kuba kaloku uMoya uthethelela abantu bakaThixo ngokwentando kaThixo.
- Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.
- Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?
- Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?
- Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?
- Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.
- Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuxhomekeka
Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.Ivesi elandelayo!