- Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
- Ngoku ke indlela uThixo abalungisa ngayo abantu ibonakalisiwe, ingeyiyo eyomthetho. Kambe ke iyangqinelwa ngumthetho kaMosis nangabashumayeli bamandulo. Yona kukukholwa nokuzinikela kuYesu Krestu. UThixo ubenza amalungisa bonke abakholwayo kuYesu, kuba akanamkhethe.
- Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Isiprofeto
Ziphicotheni zonke izinto, nize...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.Ivesi elandelayo!
