- Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
- Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
- Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
- Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
- Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
- Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!
- Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
- Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Inkululeko
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ubomi obungunaphakade
Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.Ivesi elandelayo!
