DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

KWABASEROMA 5

  • Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu.
  • Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.
  • Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
  • Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo.
  • Inqabile into yokuba umntu afele omnye, naxa mhlawumbi anokubhaqeka umntu onesibindi sokufela umntu olungileyo. Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni!
  • Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi!
  • Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
  • Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva kwalowo mnye unguAdam, abaninzi bafumaneka bengaboni, ngokunjalo kuya kuthi nangokuthobela kwalowo mnye unguKrestu, abaninzi benziwe amalungisa.
  • Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela