DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nesihogo

  • Sathi, sikwelabafileyo, saphakamisa amehlo aso sisentuthumbeni, sambona uAbraham ekude, uLazaro enaye. Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’
  • Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
  • Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.
  • Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
  • Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
    Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
    Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
    nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
  • Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
  • Bonke abonileyo bengekho phantsi komthetho kaMosis, baya kutshabalala bengaphandle kwawo; nabo bonke abonileyo bephantsi komthetho kaMosis, baya kugwetywa ngawo.
  • Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nawuphi na umntu ovumayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo, uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela